Usifaka njani isicelo sesazisi
Ngaphandle kokuba isicelo sakho singqale ngqo kwaye sigcwaliswe ngokufanelekileyo, iSebe liyakuba nako ukululungisa uxwebhu lwakho lwesazisi kwiinyanga nje ezimbini. Xa ufaka isicelo kufuneka ukhombise kwisicelo sakho ukuba uza kulululanda ngokwakho na uxwebhu lwakho lwesazisi okanye luposelwe kwidilisi yakho.
Isicelo sokuqala
Faka ifom yakho yesicelo kunye nolunye lwala maxwebhu aqinisekisiweyo alandelayo:
Isiqinisekiso sakho sokuzalwa
Isiqinisekiso esikhutshwe yiNtloko mhlawumbi yesibhedlele okanye ekliniki apho wawuzalelwe khona.
Akukho ntlawulo yenziwayo kukhutsho lokuqala
Yigcine irisithi yokuvunywa ukuba isicelo sifunyenwe ukuze kungqinisiswe ngexa kusalungiswa ISAZISI sakho
Ukukhutshwa kwakhona
Hlawula imali yokukhupha kwakhona eli-R12-00 uze uyigcinele ungqinisiso lwexa elizayo irisithi yakho.
Ukubuza ukuba imi phi na i-ofisi yeMicimbi yezeKhaya, nceda uqhagamshelane ne-ofisi yommandla kwindawo yakho.
eMpumalanga iNombolo yomNxeba: 753 8164
kumNtla Koloni iNombolo yomNxeba: 839 5404
eNtshona Koloni iNombolo yomNxeba: 462 4970
eMpuma Koloni iNombolo yomNxeba: 643 4699
